Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 6:35-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Wakrola kuwo iikerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, waleka ngegolide, yagudiswa emikrolweni.

36. Wákha intendelezo engaphakathi ngeengcamba ezintathu zamatye aqingqiweyo, nangeengcamba zemisedare echweliweyo.

37. Yasekwa ngomnyaka wesiné, ngenyanga enguZivi, indlu kaYehova;

38. ngomnyaka weshumi elinamanye, ngenyanga enguBhuli, eyinyanga yesibhozo leyo, yagqitywa loo ndlu ezintweni zayo zonke, nasezimfanelekweni zayo zonke. Wayakha ngeminyaka esixhenxe.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 6