Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 6:33-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Wenjenje ukuwenzela umnyango webhotwe imigubasi ngeminquma, esisahlulo sesiné sodonga.

34. Iingcango zombini wazenza ngemisipres; amaphiko omabini olunye ucango aba ngajingayo, amaphiko omabini olwesibini ucango aba ngajingayo.

35. Wakrola kuwo iikerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, waleka ngegolide, yagudiswa emikrolweni.

36. Wákha intendelezo engaphakathi ngeengcamba ezintathu zamatye aqingqiweyo, nangeengcamba zemisedare echweliweyo.

37. Yasekwa ngomnyaka wesiné, ngenyanga enguZivi, indlu kaYehova;

38. ngomnyaka weshumi elinamanye, ngenyanga enguBhuli, eyinyanga yesibhozo leyo, yagqitywa loo ndlu ezintweni zayo zonke, nasezimfanelekweni zayo zonke. Wayakha ngeminyaka esixhenxe.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 6