Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 6:32-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Iingcango zombini bezizezomnquma; wazikrola ngemikrolo yeekerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, wazaleka ngegolide; eyihambisa igolide phezu kweekerubhi namasundu.

33. Wenjenje ukuwenzela umnyango webhotwe imigubasi ngeminquma, esisahlulo sesiné sodonga.

34. Iingcango zombini wazenza ngemisipres; amaphiko omabini olunye ucango aba ngajingayo, amaphiko omabini olwesibini ucango aba ngajingayo.

35. Wakrola kuwo iikerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, waleka ngegolide, yagudiswa emikrolweni.

36. Wákha intendelezo engaphakathi ngeengcamba ezintathu zamatye aqingqiweyo, nangeengcamba zemisedare echweliweyo.

37. Yasekwa ngomnyaka wesiné, ngenyanga enguZivi, indlu kaYehova;

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 6