Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 6:1-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, ngomnyaka wamakhulu omané anamanci asibhozo bephumile oonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa, ngomnyaka wesiné uSolomon engukumkani kumaSirayeli, ngenyanga enguZivi, eyinyanga yesibini, wamakhela uYehova indlu leyo.

2. Loo ndlu ukumkani uSolomon wamakhelayo uYehova ibiziikubite* ezimashumi mathandathu ubude bayo, iziikubhite ezimashumi mabini ububanzi bayo, iziikubhite ezimashumi mathathu ukuphakama kwayo.

3. Ivaranda,* ebiphambi kwebhotwe lendlu, ibiziikubhite ezimashumi mabini ubude bayo bungangobubanzi bendlu; ibiziikubhite ezilishumi ububanzi bayo phambi kwendlu.

4. Ke indlu wayenzela iifestile ezinamanqwanqwa athe nkqi.

5. Wákha eludongeni lwendlu umayamo ngeenxa zonke; ezindongeni zendlu ngeenxa zonke, ezo zebhotwe nezendawo yezihlabo, wenza amagumbi emacaleni ngeenxa zonke;

6. udidi oluphantsi beluziikubhite ezintlanu ububanzi balo; oluphakathi beluziikubhite ezintandathu ububanzi balo; olwesithathu beluziikubhite ezisixhenxe ububanzi balo; ngokuba wenza iingqameko endlwini ngaphandle, wajikelezisa, ukuze imiqadi ingàfakwa ezindongeni zendlu.

7. Indlu ekwakhiweni kwayo yákhiwa ngamatye aselegqityiwe ukulungiswa endaweni ambiwa kuyo; izando nezixholo, zonke iimpahla zesinyithi, azivakalanga kuloo ndlu ekwakhiweni kwayo.

8. Umnyango wegumbi eliphakathi ubusecaleni lasekunene lendlu; kwenyukwa ngezinyuko ezizungulezayo ukuya kweloluphakathi udidi, nokusuka kulo kuyiwe kwelolwesithathu.

9. Wayakha ke indlu, wayigqiba, wayifulela ngemiqadi neeplanga zemisedare.*

10. Wákha ke umayamo endlwini yonke, waziikhubhite ezintlanu ukuphakama kwawo; wabambelela endlwini ngemisedare.

11. Lafika ilizwi likaYehova kuSolomon, lisithi,

12. Ngale ndlu uyakhayo wena, ukuba uthe wahamba ngemimiselo yam, wawenza amasiko am, wayigcina yonke imithetho ngokuhamba ngayo: ndolimisa kuwe ilizwi lam, endalithethayo kuDavide uyihlo;

13. ndihlàle phakathi koonyana bakaSirayeli, ndingabashiyi abantu bam amaSirayeli.

14. Wayakha ke uSolomon indlu, wayigqiba.

15. Wazakha iindonga zendlu ngaphakathi ngeeplanga zemisedare, ethabathela emgangathweni wesa emiqadini yophahla; waleka ngemithi ngaphakathi, wawaleka umgangatho wendlu ngeeplanga zemisipres.*

16. Wákha iikubhite ezimashumi mabini, ethabathela emaphundwini endlu, ngeeplanga zemisedare, ethabathela emgangathweni wesa emiqadini; wazakhela yona ngaphakathi indawo yezihlabo, ingcwele kangcwele.

17. Yayingamashumi amané eekubhite indlu leyo ilibhotwe elingaphambili.

18. Yayimisedare kule ndlu ngaphakathi, ilukrolo lwamathangazana neentyantyambo ezithe bhenqe; yangumsedare yonke; akwabonakala litye.

19. Walungisa indawo yezihlabo endlwini ngaphakathi, ukuba ibekwe khona ityeya yomnqophiso kaYehova.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 6