14. nguAhinadabhi unyana kaIdo, eMahanayim;
15. nguAhimahatse kwaNafetali: yena kananjalo wazeka uBhasemati, intombi kaSolomon, yangumkakhe;
16. nguBhahana unyana kaHushayi, kwa-Ashere naseAloti;
17. nguYehoshafati unyana kaParuwa, kwaIsakare;
18. nguShimehi unyana kaEla, kwaBhenjamin;
19. nguBebhere unyana kaUri, elizweni laseGiliyadi, ezweni lakwaSihon ukumkani wama-Amori, nelakwaOgi ukumkani waseBhashan; ekuphela komongameli obekwelo zwe.
20. AmaYuda namaSirayeli ebemaninzi, enjengentlabathi engaselwandle ukuba maninzi, esidla, esela, evuya.
21. USolomon ubelawula ezikumkanini zonke, ethabathela kuwo uMlambo,* naselizweni lamaFilisti, wesa nasemdeni weYiputa, zizisa iminikelo, zimkhonza uSolomon yonke imihla yobomi bakhe.
22. Ke ukudla kukaSolomon kwamininye bekungamashumi omathathu eekore* zomgubo ocoliweyo, namashumi omathandathu eekore zomgubo,