1. Ukumkani uSolomon waba ngukumkani wamaSirayeli onke.
2. Ngabo aba ke abathetheli abenabo: nguAzariya, unyana kaTsadoki, umbingeleli;
3. ngooElihorefe noAhiya, oonyana bakaShisha, ababhali; nguYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu;
4. nguBhenaya, unyana kaYehoyada, obephethe umkhosi; ngooTsadoki noAbhiyatare ababingeleli;
5. nguAzariya, unyana kaNatan, obephethe abongameli; nguZabhudi, unyana kaNatan, umbingeleli, obengumhlobo wokumkani;
6. nguAhishare obephethe indlu; nguAdoniram unyana ka-Abheda, obephethe abafakwa uviko.
7. USolomon ubenabongameli abalishumi elinababini phezu kwamaSirayeli onke, ababemxhasa ukumkani nendlu yakhe: elowo ubexhasa ngenyanga yakhe ngomnyaka.