Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 3:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Kaloku, Yehova Thixo wam, wena umenzé umkhonzi wakho lo wangukumkani esikhundleni sikaDavide ubawo; ndingumntwana omncinane; andikwazi ukuphuma nokungena.

8. Umkhonzi wakho lo uphakathi kwabantu bakho obanyulileyo, abantu abaninzi, abangenakubalwa, abangenakuxelwa ukuba baninzi.

9. Mnike umkhonzi wakho intliziyo evayo, yokubalawula abantu bakho, ahlule phakathi kokulungileyo nokungendawo; ngokuba ngubani na onako ukubalawula abantu bakho aba bangaka?

10. Lalunga elo lizwi emehlweni eNkosi ukuba uSolomon acele loo nto.

11. Wathi ke uThixo kuye, Ngenxa enokuba ucelé le nto, akwazicelela imihla emininzi, akwazicelela ubutyebi, akwazicelela ubomi beentshaba zakho, wazicelela ukuqonda ukuba uwathethe amatyala: uya bona, ndenzé ngokwelizwi lakho.

12. Uyabona, ndikunikile intliziyo enobulumko enokuqonda, ekungabangakho unjengawe phambi kwakho, ekungayi kuvela unjengawe emva kwakho.

13. Kananjalo oko ungàkucelanga ndikunikile nako, kwaubutyebi nozuko, ukuba kungabikho mntu unjengawe phakathi kookumkani yonke imihla yakho.

14. Ke ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ngokuyigcina imimiselo yam nemithetho yam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ndoyolula imihla yakho.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 3