Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 3:21-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Ndavuka kusasa, ukuba ndimanyise unyana wam, O! ufile; ndaza ndamgqala kusasa, yini le, asingunyana wam endamzalayo.

22. Yathi enye inkazana, Hayi, ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo. Yathi le, Hayi; unyana wakho ngulowa ufileyo, unyana wam ngulo uhleliyo. Benjenjalo ukuthetha phambi kokumkani.

23. Wathi ukumkani, Le ithi, Ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo; leya ithi, Hayi, unyana wakho ngulowa ufileyo, ngunyana wam lo uhleliyo.

24. Wathi ukumkani, Ndithabatheleni ikrele. Balizisa ke ikrele phambi kokumkani.

25. Wathi ukumkani, Mcandeni kubini lo mntwana uhleliyo, niyinike isahlulo enye, niyinike isahlulo enye.

26. Yathetha le nkazana, ungowayo unyana ohleliyo, kukumkani (ngokuba ibisikwa yimfesane ngonyana wayo), yathi, Camagu, nkosi yam, seniyinika lo mntwana uhleliyo; musani ukumbulala afe. Ke enye le yathi, Makangabi ngowam, makangabi ngowakhe; mcandeni.

27. Waphendula ukumkani, wathi, Mnikeni leya umntwana ohleliyo, ningàmbulali; nguye unina.

28. Asiva onke amaSirayeli isigwebo agwebé ngaso ukumkani; amoyika ukumkani; ngokuba ayebona ukuba ubulumko bukaThixo buphakathi kwakhe, ukuba enze isigwebo.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 3