Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 3:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. USolomon ke wákha ubuhlobo noFaro ukumkani wamaYiputa; wazeka intombi kaFaro, wayizisa emzini kaDavide, wada wayigqiba ukuyakha indlu yakhe, nendlu kaYehova, nodonga lwaseYerusalem ngeenxa zonke.

2. Kodwa ke abantu babebingelela ezigangeni; ngokuba belingekakhelwa ndlu igama likaYehova, kwada kwayiloo mihla.

3. USolomon ubemthanda uYehova, ehamba emimiselweni kaDavide uyise; kodwa ke ubebingelela eqhumisela ezigangeni yena.

4. Ukumkani ubesiya eGibheyon, ukuba abingelele khona; ngokuba ibisiso isigánga esikhulu; uSolomon wenyusa iwaka lamadini anyukayo kweso sibingelelo.

5. UYehova wabonakala kuSolomon eGibheyon apho ngephupha ebusuku, wathi uThixo, Cela into, ndikuphe.

6. Wathi uSolomon, Wena wenza inceba enkulu kumkhonzi wakho uDavide ubawo, njengoko abehamba phambi kwakho enyanisweni, nasebulungiseni, nangokuthi tye kwentliziyo kuwe, wamgcinela le nceba inkulu, wamnika unyana ohleli etroneni yakhe, njengokuba kunjalo namhla.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 3