Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 21:6-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wathi kuye, Kungokuba ndithethe kuNabhoti waseYizereli, ndathi kuye, Ndínike isidiliya sakho ngemali; okanye ukuba ùyavuma, ndokunika esinye isidiliya esikhundleni saso; wathi, Andiyi kukunika isidiliya sam.

7. Wathi uIzebhele umkakhe kuye, Wena, abuphethwe nguwe na ngoku ubukumkani bakwaSirayeli? Vuka udle ukudla, ichwayithe intliziyo yakho; ndokunika mna isidiliya sikaNabhoti waseYizereli.

8. Wabhala iincwadi egameni lika-Ahabhi, wazitywina ngomsesane wakhe, wazithumela ezo ncwadi kumadoda amakhulu nakubanumzana ababekuloo mzi wakhe, ababehleli noNabhoti.

9. Wabhala kwezo ncwadi, wathi, Memani uzilo lokudla, nimbeke uNabhoti phambi kwabantu;

10. nibeke amadoda amabini angamatshijolo phambi kwakhe, angqine ngaye, athi, Wena uthuké uThixo nokumkani. Nize nimkhùphele phandle, nimgibisele ngamatye, afe.

11. Amadoda omzi wakhe, amadoda amakhulu nabanumzana ababehleli kuloo mzi wakhe, bênza njengoko abebathumele ngako uIzebhele, njengoko kwakubhaliwe ezincwadini abezithumele kubo.

12. Bamema uzilo lokudla, bambeka uNabhoti phambi kwabantu.

13. Kwafika loo madoda mabini angamatshijolo, ahlala phambi kwakhe. Amadoda lawo angamatshijolo angqina ngaye uNabhoti phambi kwabantu, athi, UNabhoti uthuké uThixo nokumkani. Bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye, wafa.

14. Bathumela ke kuIzebhele, bathi, UNabhoti ugityiselwe ngamatye, wafa.

15. Kwathi, akuva uIzebhele ukuba uNabhoti ugityiselwe ngamatye, wafa, wathi uIzebhele kuAhabhi, Suka, usithabathe isidiliya sikaNabhoti waseYizereli, abengavumi ukukunika ngemali; ngokuba uNabhoti akasekho, ufile.

16. Kwathi, akuva uAhabhi ukuba uNabhoti ufile, wesuka uAhabhi, wehla, waya kusithabatha isidiliya sikaNabhoti waseYizereli.

17. Lafika ilizwi likaYehova kuEliya waseTishbhi, lisithi,

18. Suka uhle, uye kukhawulela uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli okwaSamari; nanko esesidiliyeni sikaNabhoti, ehle waya kusithabatha.

19. Uze uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ùbuléle na, wathabatha na? Uthèthe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Endaweni ezixhaphele kuyo izinja igazi likaNabhoti, ziya kulixhaphela khona izinja igazi lakho, wena lo.

20. Wathi uAhabhi kuEliya, Ùndifumene na, lutshaba lwam? Wathi yena, Ndikufumene; ngenxa enokuba uzithengisele ukwenza okubi emehlweni kaYehova, uyabona,

21. ndikuzisela ububi, ndíwatshayele amavela-mva akho, ndiyinqamle kwa-Ahabhi yonke into eyindoda, ovalelweyo novulelweyo kwaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 21