Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 20:33-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Ngumzalwana wam. Loo madoda ke athi lithamsanqa, angxamisa ukumrhwebesha, ukuba elo lelakhe na, athi, Ngumzalwana wakho uBhen-hadade. Wathi yena, Yiyani kumthabatha. Waphuma uBhen-hadade weza kuye; wamkhwelisa enqwelweni.

34. Wathi uBhen-hadade, kuye, Imizi awayithabathayo ubawo kuyihlo ndiya kuyibuyisa; uzenzele izitrato eDamasko, njengoko wazenzayo ubawo kwaSamari. Wathi uAhabhi, Ndiya kukundulula nalo mnqophiso. Wamenzela ke umnqophiso, wamndulula.

35. Ke kaloku indoda ethile yakoonyana babaprofeti yathi kummelwane wayo ngelizwi likaYehova, Khawundibethe.

36. Akavuma loo mntu ukuyibetha. Yathi kuye, Ngenxa yokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova, uyabona, ekumkeni kwakho kum ùya kubulawa yingonyama. Wemka kuyo; yamfumana ingonyama, yambulala.

37. Yafumana mntu wumbi, yathi, Khawundibethe. Wayibetha ke loo mntu, wayibetha wayilimaza.

38. Wahamba umprofeti lowo, wamlinda ukumkani endleleni, wazenza mntu wumbi ngokubopha iqhiya emehlweni.

39. Kwathi, akubona ukuba uyadlula ukumkani, wamemeza kukumkani, wathi, Umkhonzi wakho lo waphuma waya emfazweni phakathi; nanko kutyeka indoda, yeza nomntu kum, yathi, Gcina lo mntu; ukuba uthe akabakho, umphefumlo wakho woba sesikhundleni somphefumlo wakhe, okanye wohlawula ngetalente* yesilivere.

40. Akuba esebenza umkhonzi wakho lo apha naphaya, wesuka wathi shwaka. Wathi ke ukumkani wakwaSirayeli kuye, Sinjalo isigwebo sakho; umise wagqiba.

41. Wakhawuleza, wayisusa iqhiya emehlweni akhe. Wamazi ukumkani wakwaSirayeli, ukuba ungowasebaprofetini.

42. Wathi kuye, Útsho uYehova ukuthi, Ngenxa yokundulula kwakho esandleni indoda endayisingela phantsi, umphefumlo wakho uya kuba sesikhundleni somphefumlo wayo, nabantu bakho babe sesikhundleni sabantu bayo.

43. Waya ukumkani wakwaSirayeli endlwini yakhe, ubuso ebuthe nkwa, ejalile, wafika kwaSamari.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 20