Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 20:20-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Yaba ngulowo wabulala umntu; asaba ke ama-Aram; amaSirayeli awasukela. Wasinda uBhen-hadade ukumkani wakwa-Aram ngehashe, enabamahashe.

21. Waphuma ukumkani wakwaSirayeli, wawaxabela amahashe neenqwelo zokulwa; waxabela phakathi kwama-Aram ngoxabelo olukhulu.

22. Wafika umprofeti lowa kukumkani wakwaSirayeli, wathi kuye, Hamba uye kuzomeleza, ukúqonde ukubone okwenzayo; ngokuba ukuvela komnyaka, ukumkani wakwa-Aram uya kunyuka alwe nawe.

23. Ke kaloku abakhonzi bokumkani bakwa-Aram bathi kuye, Ngoothixo basezintabeni oothixo babo, kuko le nto bomeleleyo kunathi; masilwe nabo ke emathafeni, ukuba asisayi komelela na kunabo.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 20