Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 2:32-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. UYehova wolibuyisela entlokweni yakhe igazi lakhe, owawela amadoda amabini angamalungisa, alungileyo kunaye, wawabulala ngekrele, engazi ubawo uDavide, angooAbhinere unyana kaNere, umthetheli-mkhosi wakwaSirayeli, noAmasa unyana kaYetere, umthetheli-mkhosi wakwaYuda.

33. Obuyela amagazi awo entlokweni kaYowabhi, nasentlokweni yembewu yakhe ngonaphakade; kuDavide, nakwimbewu yakhe, nakwindlu yakhe, nakwitrone yakhe, ibe luxolo olungunaphakade, luvela kuYehova.

34. Wenyuka ke uBhenaya unyana kaYehoyada, wamgwaza, wambulala; wangcwatyelwa endlwini yakhe entlango.

35. Ukumkani wamisa uBhenaya, unyana kaYehoyada, esikhundleni sakhe phezu komkhosi; ukumkani wamisa uTsadoki umbingeleli esikhundleni sika-Abhiyatare.

36. Wathumela ukumkani, wabiza uShimehi, wathi kuye, Zakhele indlu eYerusalem, uhlale khona, ungaphumi khona, uye phi naphi;

37. kothi, mini uthe waphuma, wawela umlanjana oyiKidron, wazi inene ukuba uya kufa; igazi lakho loba phezu kwentloko yakho.

38. Wathi uShimehi kukumkani, Lilungile elo lizwi; njengoko ithethe ngako inkosi yam ukumkani, úya kwenjenjalo umkhonzi wakho. Wahlala ke uShimehi eYerusalem imihla emininzi.

39. Kwathi ekupheleni kweminyaka emithathu, kwazímela izicaka ezibini zikaShimehi, zaya kuAkishe unyana kaMahaka, ukumkani waseGati. Waxelelwa uShimehi, kwathiwa, Yabona, izicaka zakho ziseGati.

40. Wesuka uShimehi, wabopha iesile lakhe, waya eGati kuAkishe, efuna izicaka zakhe ezo; uShimehi waya eGati, weza nazo izicaka zakhe.

41. Waxelelwa uSolomon, ukuba uShimehi uphumile eYerusalem, waya eGati wabuya.

42. Wathumela ke ukumkani, wambiza uShimehi, wathi kuye, Bendingakufungise uYehova yini na, ndakuqononondisa, nditsithi, Mini uthe waphuma waya phi naphi, yazi inene ukuba ùya kufa? Wathi ke wena kum, Lilungile elo lizwi, ndilivile.

43. Kungani na ke ukuba ungasigcini isifungo sikaYehova, nomthetho endakuwiselayo?

44. Wathi ukumkani kuShimehi, Uyabazi wena bonke ububi obaziwa yintliziyo yakho, owabenzayo kuDavide ubawo; úya bubuyisela uYehova ububi bakho kwasentlokweni yakho;

45. asikelelwe ukumkani uSolomon, iqiniseke itrone kaDavide phambi koYehova, kude kuse ephakadeni.

46. Ukumkani wamwisela ke umthetho uBhenaya unyana kaYehoyada; waphuma wamgwaza, wafa. Ubukumkani baqiniseka esandleni sikaSolomon.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 2