Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 2:26-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. NakuAbhiyatare umbingeleli wathi ukumkani, Hamba uye eAnatoti, emhlabeni wakho; ngokuba ungumfo wokufa; ke andiyi kukubulala ngale mini; ngokuba wayithwala ityeya yeNkosi uYehova phambi koDavide ubawo, nangokuba ubucinezelwe kuko konke abecinezelwe kuko ubawo.

27. USolomon wamgxotha uAbhiyatare ekubeni ngumbingeleli kaYehova; ukuze alizalise ilizwi likaYehova, awalithethayo ngendlu kaEli eShilo.

28. Lwafika olu daba kuYowabhi; ngokuba uYowabhi wayethelele kuAdoniya, noko wayengathelelanga kuAbhisalom. UYowabhi wasabela ententeni kaYehova, wabambelela ezimpondweni zesibingelelo.

29. Waxelelwa ukumkani uSolomon, ukuba uYowabhi usabele ententeni kaYehova; nanko ecaleni lesibingelelo. USolomon wathuma uBhenaya unyana kaYehoyada, wathi, Yiya umgwaze.

30. Waya uBhenaya ententeni kaYehova, wathi kuye, Uthi ukumkani, Phuma. Wathi yena, Hayi; ndiya kufela apha. UBhenaya wambuyisela ukumkani ilizwi, esithi, Wenjenje ukuthetha uYowabhi, wenjenje ukundiphendula.

31. Wathi ukumkani kuye, Yenza njengoko athethe ngako, umgwaze, umngcwabe, uwasuse kum nakwindlu kabawo amagazi amsulwa, awawaphalazayo uYowabhi.

32. UYehova wolibuyisela entlokweni yakhe igazi lakhe, owawela amadoda amabini angamalungisa, alungileyo kunaye, wawabulala ngekrele, engazi ubawo uDavide, angooAbhinere unyana kaNere, umthetheli-mkhosi wakwaSirayeli, noAmasa unyana kaYetere, umthetheli-mkhosi wakwaYuda.

33. Obuyela amagazi awo entlokweni kaYowabhi, nasentlokweni yembewu yakhe ngonaphakade; kuDavide, nakwimbewu yakhe, nakwindlu yakhe, nakwitrone yakhe, ibe luxolo olungunaphakade, luvela kuYehova.

34. Wenyuka ke uBhenaya unyana kaYehoyada, wamgwaza, wambulala; wangcwatyelwa endlwini yakhe entlango.

35. Ukumkani wamisa uBhenaya, unyana kaYehoyada, esikhundleni sakhe phezu komkhosi; ukumkani wamisa uTsadoki umbingeleli esikhundleni sika-Abhiyatare.

36. Wathumela ukumkani, wabiza uShimehi, wathi kuye, Zakhele indlu eYerusalem, uhlale khona, ungaphumi khona, uye phi naphi;

37. kothi, mini uthe waphuma, wawela umlanjana oyiKidron, wazi inene ukuba uya kufa; igazi lakho loba phezu kwentloko yakho.

38. Wathi uShimehi kukumkani, Lilungile elo lizwi; njengoko ithethe ngako inkosi yam ukumkani, úya kwenjenjalo umkhonzi wakho. Wahlala ke uShimehi eYerusalem imihla emininzi.

39. Kwathi ekupheleni kweminyaka emithathu, kwazímela izicaka ezibini zikaShimehi, zaya kuAkishe unyana kaMahaka, ukumkani waseGati. Waxelelwa uShimehi, kwathiwa, Yabona, izicaka zakho ziseGati.

40. Wesuka uShimehi, wabopha iesile lakhe, waya eGati kuAkishe, efuna izicaka zakhe ezo; uShimehi waya eGati, weza nazo izicaka zakhe.

41. Waxelelwa uSolomon, ukuba uShimehi uphumile eYerusalem, waya eGati wabuya.

42. Wathumela ke ukumkani, wambiza uShimehi, wathi kuye, Bendingakufungise uYehova yini na, ndakuqononondisa, nditsithi, Mini uthe waphuma waya phi naphi, yazi inene ukuba ùya kufa? Wathi ke wena kum, Lilungile elo lizwi, ndilivile.

43. Kungani na ke ukuba ungasigcini isifungo sikaYehova, nomthetho endakuwiselayo?

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 2