Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 19:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wangqengqa ke, wozela, walala phantsi konwele. Kwabonakala khona isithunywa sezulu simshukumisa, sathi kuye, Vuka udle.

6. Wakhangela, nanko kukho ngasentlokweni yakhe iqebengwana elosiweyo lesonka, neselwa lamanzi. Wadla ke, wasela, wabuya walala.

7. Sabuya isithunywa sikaYehova okwesibini, samshukumisa, sathi, Vuka udle, ngokuba uhambo lukhulu kuwe.

8. Wavuka ke, wadla wasela, wahamba ngamandla oku kudla iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané, wada wafika entabeni kaThixo eHorebhe.

9. Waya emqolombeni apho, walala khona. Nalo ilizwi likaYehova lifika kuye. Wathi kuye, Ùyintoni na apha, Eliya?

10. Wathi yena, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndasala ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 19