Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 18:34-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Wathi, Zalisani imiphanda ibe miné ngamanzi, niwagalele phezu kwedini elinyukayo, naphezu kweenkuni; wathi, Phindani okwesibini; baphinda okwesibini. Wathi, Phindani okwesithathu; baphinda okwesithathu.

35. Ahamba amanzi ngeenxa zonke esibingelelweni; wawuzalisa nomsele ngamanzi.

36. Kwathi ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa, wasondela uEliya umprofeti, wathi, Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, namhla makwaziwe ukuba nguwe uThixo kwaSirayeli; ukuba ndingumkhonzi wakho mna; ukuba ndizenzé zonke ezi zinto ngelizwi lakho.

37. Ndíphendule, Yehova, ndíphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguThixo, ukuba uyiguqulele kuwe intliziyo yabo.

38. Wawa ke umlilo kaYehova, walidla idini elinyukayo, kwaneenkuni, kwanamatye, kwanomhlaba; namanzi abe esemseleni wawakhotha.

39. Babona bonke abantu, bawa ngobuso, bathi, UYehova nguye uThixo, uYehova nguye uThixo.

40. Wathi uEliya kubo, Babambeni abaprofeti bakaBhahali; makungasindi namnye kubo. Bababamba ke; uEliya wabahlisela emlanjaneni oyiKishon, wababulalela khona.

41. Wathi uEliya kuAhabhi, Nyuka uye kudla, usele; ngokuba kuvakala ulwandile lwemvula enkulu.

42. Wenyuka ke uAhabhi, waya kudla, waya kusela.Ke uEliya wenyuka waya encotsheni yeKarmele, waqondela emhlabeni, wabufaka ubuso bakhe phakathi kwamadolo akhe.

43. Wathi kwindodana yakwakhe, Khawunyuke, ukhangele ngeli cala laselwandle. Yenyuka, yakhangela, yathi, Akukho nto. Wathi, Buya uye, izihlandlo zibe sixhenxe.

44. Kwathi ke ngesesixhenxe, yathi, Ndibona ilifana elingangesandla somntu, liphuma elwandle. Wathi, Nyuka uye uthi kuAhabhi, Bopha, uhle, ingakuvingceli imvula.

45. Kwathi ke kwakamsinya lasuka izulu lamnyama ngamafu nomoya; kwabakho imvula enkulu. Wakhwela uAhabhi, waya eYizereli.

46. Safika ke isandla sikaYehova kuEliya; wazibhinqisa, wagidima phambi koAhabhi, kwada kwaba sekungeneni eYizereli.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 18