Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 18:32-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Wákha ngamatye lawo isibingelelo egameni likaYehova, wenza umsele olingene iiseha* ezimbini zembewu, ngeenxa zonke esibingelelweni.

33. Wazilungisa iinkuni, wayityatya inkunzi entsha, wayibeka phezu kweenkuni.

34. Wathi, Zalisani imiphanda ibe miné ngamanzi, niwagalele phezu kwedini elinyukayo, naphezu kweenkuni; wathi, Phindani okwesibini; baphinda okwesibini. Wathi, Phindani okwesithathu; baphinda okwesithathu.

35. Ahamba amanzi ngeenxa zonke esibingelelweni; wawuzalisa nomsele ngamanzi.

36. Kwathi ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa, wasondela uEliya umprofeti, wathi, Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, namhla makwaziwe ukuba nguwe uThixo kwaSirayeli; ukuba ndingumkhonzi wakho mna; ukuba ndizenzé zonke ezi zinto ngelizwi lakho.

37. Ndíphendule, Yehova, ndíphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguThixo, ukuba uyiguqulele kuwe intliziyo yabo.

38. Wawa ke umlilo kaYehova, walidla idini elinyukayo, kwaneenkuni, kwanamatye, kwanomhlaba; namanzi abe esemseleni wawakhotha.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 18