Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 18:21-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Wafika uEliya ebantwini abo bonke, wathi, Koda kube nini na nimbaxa? Ukuba uYehova nguThixo, landelani yena; ke ukuba nguBhahali uThixo, landelani yena. Àbamphendula nezwi abantu.

22. Wathi uEliya ebantwini, Kusele mna ndodwa umprofeti kaYehova; ke abakaBhahali abaprofeti ngamakhulu amané anamanci amahlanu amadoda.

23. Masinikwe iinkunzi ezintsha zibe mbini, bazinyulele ke enye inkunzi entsha, bayityatye, bayibeke phezu kweenkuni, bangafaki mlilo; nam ndíyilungise enye inkunzi entsha, ndiyibeke phezu kweenkuni, ndingafaki mlilo.

24. Nize ninqule igama lothixo wenu, mna ndinqule igama likaYehova; athi, uThixo othe waphendula ngomlilo, abe nguye uThixo.Baphendula bonke abantu bathi,

25. Lihle elo lizwi. Wathi ke uEliya kubaprofeti bakaBhahali, Zinyuleleni inkunzi entsha ibe nye, nizenzele kuqala; ngokuba nibaninzi nina; ninqule igama lothixo wenu, ningafaki mlilo.

26. Bayithabatha ke inkunzi entsha ababeyinikiwe, bayilungisa, banqula igama likaBhahali, beqale kusasa kwada kwaba semini enkulu, besithi, Bhahali, síphendule. Akwabakho zwi, akwabakho uphendulayo. Baxhentsa ngasesibingelelweni esasenziwe.

27. Kwathi emini enkulu, uEliya wadlala ngabo, esithi, Nqulani ngezwi elikhulu, ngokuba enguthixo; ingabi usacinga, ingabi uthe gu bucala, ingabi useluhambeni; ingabi mhlawumbi ulele, unokuba avuswe.

28. Banqula ngezwi elikhulu ke, bazicenta ngokwesiko labo ngamakrele nangezikhali, lada latsaza igazi kubo.

29. Kwathi emveni kwemini enkulu, baprofeta kwada kwesa ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa; akwabakho lizwi, akwabakho uphendulayo, akwabakho ubeke indlebe.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 18