Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 18:15-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Wathi uEliya, Ehleli nje uYehova wemikhosi, endimiyo phambi kwakhe, inene, namhlanje ndiya kubonana naye.

16. UObhadiya waya kumkhawulela ke uAhabhi, wamxelela; wahamba uAhabhi, waya kumkhawulela uEliya.

17. Kwathi, uAhabhi akumbona uEliya, wathi uAhabhi kuye, Ùlapha na wena, uwahlisele intlekele amaSirayeli?

18. Wathi yena, Andiwahliselanga ntlekele amaSirayeli; nguwe nendlu kayihlo, ngokuyishiya kwenu imithetho kaYehova, walandela ooBhahali.*

19. Ke ngoko, thumela uwahlanganisele kum amaSirayeli onke entabeni yeKarmele, nabaprofeti bakaBhahali abangamakhulu amané anamanci mahlanu, nabaprofeti baka-Ashera* abangamakhulu amané, abadla etafileni kaIzebhele.

20. Wathumela ke uAhabhi koonyana bonke bakaSirayeli, wabahlanganisela abaprofeti entabeni yeKarmele.

21. Wafika uEliya ebantwini abo bonke, wathi, Koda kube nini na nimbaxa? Ukuba uYehova nguThixo, landelani yena; ke ukuba nguBhahali uThixo, landelani yena. Àbamphendula nezwi abantu.

22. Wathi uEliya ebantwini, Kusele mna ndodwa umprofeti kaYehova; ke abakaBhahali abaprofeti ngamakhulu amané anamanci amahlanu amadoda.

23. Masinikwe iinkunzi ezintsha zibe mbini, bazinyulele ke enye inkunzi entsha, bayityatye, bayibeke phezu kweenkuni, bangafaki mlilo; nam ndíyilungise enye inkunzi entsha, ndiyibeke phezu kweenkuni, ndingafaki mlilo.

24. Nize ninqule igama lothixo wenu, mna ndinqule igama likaYehova; athi, uThixo othe waphendula ngomlilo, abe nguye uThixo.Baphendula bonke abantu bathi,

25. Lihle elo lizwi. Wathi ke uEliya kubaprofeti bakaBhahali, Zinyuleleni inkunzi entsha ibe nye, nizenzele kuqala; ngokuba nibaninzi nina; ninqule igama lothixo wenu, ningafaki mlilo.

26. Bayithabatha ke inkunzi entsha ababeyinikiwe, bayilungisa, banqula igama likaBhahali, beqale kusasa kwada kwaba semini enkulu, besithi, Bhahali, síphendule. Akwabakho zwi, akwabakho uphendulayo. Baxhentsa ngasesibingelelweni esasenziwe.

27. Kwathi emini enkulu, uEliya wadlala ngabo, esithi, Nqulani ngezwi elikhulu, ngokuba enguthixo; ingabi usacinga, ingabi uthe gu bucala, ingabi useluhambeni; ingabi mhlawumbi ulele, unokuba avuswe.

28. Banqula ngezwi elikhulu ke, bazicenta ngokwesiko labo ngamakrele nangezikhali, lada latsaza igazi kubo.

29. Kwathi emveni kwemini enkulu, baprofeta kwada kwesa ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa; akwabakho lizwi, akwabakho uphendulayo, akwabakho ubeke indlebe.

30. Wathi uEliya ebantwini bonke, Sondelani kum apha. Basondela ke abantu bonke kuye. Wabuya wasakha isibingelelo sikaYehova esibe sidiliziwe.

31. UEliya wathabatha amatye alishumi elinamabini, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaYakobi, eleza kuye ilizwi likaYehova lisithi, Liya kuba nguSirayeli igama lakho.

32. Wákha ngamatye lawo isibingelelo egameni likaYehova, wenza umsele olingene iiseha* ezimbini zembewu, ngeenxa zonke esibingelelweni.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 18