Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 17:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wesuka ke waya eTsarfati, wafika esangweni lomzi; nanko kukho apho umfazi ongumhlolokazi echola iinkuni; wambiza, wathi, Khawundikhelele intwana yamanzi ngesitya, ndisele.

11. Waya kuwakha; wambiza, wathi, Khawundiphathele neqhekeza lesonka ngesandla.

12. Wathi, Ehleli nje uYehova, uThixo wakho, andinasonka; ngumgubo ongázalisa isandla emphandeni, nentwana yeoli eselweni; uyabona ke, ndichola iinkuni ezimbini, ukuba ndiye ndenzele mna nonyana wam, sidle, sife.

13. Wathi uEliya kuye, Musa ukoyika; yiya, wenze ngokwelizwi lakho; kodwa ke ndénzele isonkana ngawo ukuqala, undizisele, uzenzele ke wena nonyana wakho emveni koko.

14. Ngokuba utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Umphanda womgubo awuyi kuphela, neselwa leoli aliyi kuminyelelwa, ide ifike imini aya kuyinisa ngayo imvula uYehova phezu komhlaba.

15. Waya ke, wenza ngokwelizwi likaEliya, wadla yena, naye, nendlu yakhe, zaziintsuku.

16. Umphanda womgubo awuphelanga, iselwa leoli alaminyelelwa, ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngoEliya.

17. Kwathi emveni kwezo zinto, wahliwa sisifo unyana waloo mfazi ungumnikazindlu; sathi isifo sakhe saba nzima kakhulu, kwada akwabakho kuphefumla kuye.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 17