Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 17:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathi uEliya waseTishbhi, wasezindwendweni zaseGiliyadi, kuAhabhi, Ehleli nje uYehova uThixo wakwaSirayeli, endimi phambi kwakhe, akuyi kukha kubekho mbethe namvula le minyaka, kungengálo ilizwi lam.

2. Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,

3. Hamba umke apha, ubheke empumalanga, uzimele emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan.

4. Wòthi usele emlanjaneni apho; ndiwawísele umthetho amahlungulu ukuba akuxhase khona.

5. Wahamba ke wenza ngokwelizwi likaYehova, waya wahlala emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan.

6. Amahlungulu amzisela isonka nenyama kusasa, isonka nenyama ngokuhlwa, wasela emlanjaneni apho.

7. Kuthe, kwakuhamba ixesha, watsha umlanjana, ngokuba bekungabangakho mvula ezweni.

8. Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,

9. Suka uye eTsarfati yaseTsidon, uhlale khona; ùyabona, ndimwisele umthetho khona umfazi ongumhlolokazi, ukuba akuxhase.

10. Wesuka ke waya eTsarfati, wafika esangweni lomzi; nanko kukho apho umfazi ongumhlolokazi echola iinkuni; wambiza, wathi, Khawundikhelele intwana yamanzi ngesitya, ndisele.

11. Waya kuwakha; wambiza, wathi, Khawundiphathele neqhekeza lesonka ngesandla.

12. Wathi, Ehleli nje uYehova, uThixo wakho, andinasonka; ngumgubo ongázalisa isandla emphandeni, nentwana yeoli eselweni; uyabona ke, ndichola iinkuni ezimbini, ukuba ndiye ndenzele mna nonyana wam, sidle, sife.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 17