Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 16:13-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. ngenxa yezono zonke zikaBhahesha, nezono zikaEla unyana wakhe, abóna ngazo, abawonisa ngazo amaSirayeli, ukumqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli ngeento zabo ezingento.

14. Ezinye izinto zikaEla, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

15. Ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe ka-Asa, ukumkani wakwaYuda, uZimri waba nemihla esixhenxe engukumkani eTirtsa. Abantu babemise iintente eGibheton eyeyamaFilisti.

16. Beva abantu ababemise khona, kusithiwa, UZimri umcebile, kananjalo umbulele ukumkani. Onke amaSirayeli amenza ukumkani kumaSirayeli uOmri, umthetheli-mkhosi, kwangaloo mini emkhosini.

17. Wenyuka ke uOmri enamaSirayeli onke esuka eGibheton, ayingqinga iTirtsa.

18. Kwathi, akubona uZimri ukuba uza kuthinjwa umzi, wangena enqabeni yendlu yokumkani, wayitshisa ngomlilo phezu kwakhe indlu yokumkani, wafa;

19. ngenxa yezono zakhe awona ngazo, wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kaYarobheham, nangezono zakhe awazenzayo wawonisa ngazo amaSirayeli.

20. Ezinye izinto zikaZimri, nokuceba kwakhe awaceba ngako, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

21. Baza bahluka kubini abantu bakwaSirayeli: esinye isahlulo sabantu salandela uTibheni, unyana kaGinati, ukuba simenze ukumkani; esinye isahlulo salandela uOmri.

22. Abantu ababelandela uOmri baboyisa abo bantu babelandela uTibheni, unyana kaGinati; wafa uTibheni; waba ngukumkani uOmri.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 16