Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 14:16-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. áwanikele amaSirayeli ngenxa yesono sikaYarobheham, owonayo, wawonisa ngaso amaSirayeli.

17. Wesuka ke umkaYarobheham, wahamba, wafika eTirtsa, wathi akuthi ukunyathela embundwini womnyango wendlu, wafa umntwana.

18. Amngcwaba, ammbambazelela amaSirayeli onke ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngomkhonzi wakhe, uAhiya umprofeti.

19. Ezinye izinto zikaYarobheham, ukulwa kwakhe, nokulawula kwakhe, nanko kubhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

20. Imihla awayengukumkani ngayo uYarobheham ngamashumi amabini anesibini iminyaka; walala kooyise. UNadabhi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

21. Ke uRehabheham, unyana kaSolomon, waye engukumkani kwaYuda. URehabheham ubeminyaka imashumi mané anamnye ezelwe ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi awawunyulayo uYehova ezizweni zonke zakwaSirayeli, ukuba alibeke khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi.

22. AmaYuda enza ububi emehlweni kaYehova, amkhweletisa ngaphezu kwako konke ababekwenzile ooyise ngezono zabo, ababesona ngazo.

23. Azakhela nazo izingánga, nezimiso zamatye, nooAshera, ezindulini zonke eziphakamileyo, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.

24. Kananjalo bekukho amang'awu elizweni, enza ngokwamasikizi onke eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 14