Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 14:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngelo xesha wahliwa sisifo uAbhiya, unyana kaYarobheham.

2. Wathi uYarobheham kumkakhe, Khawusuke uzenze mntu wumbi, bangàkwazi ukuba ungumka Yarobheham; uhambe uye eShilo; nanko apho uAhiya umprofeti, owandixelelayo ukuba ndiya kuba ngukumkani waba bantu;

3. uphathe esandleni sakho izonka ezilishumi, nemiqhathane, neselwa lobusi, uye kuye: wókuxelela okuya kubakho kulo mntwana.

4. Wenjenjalo umkaYarobheham, wesuka waya eShilo, wangena endlwini ka-Ahiya.Ke kaloku uAhiya ebengenakubona, ngokuba amehlo akhe abenorhatyazo ngobudala bakhe.

5. Wathi uYehova kuAhiya, Nanko umkaYarobheham eza kubuza into kuwe ngonyana wakhe; ngokuba esifa. Uze uthi, uthi, ukuthetha kuye; kuba wóthi ekungeneni kwakhe, azenze mntu wumbi.

6. Kwathi, akusiva uAhiya isingqi seenyawo zakhe, engena emnyango, wathi, Ngena, mkaYarobheham, yini na ukuba uzenze mntu wumbi? Ndithunywe kuwe udaba olubi.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 14