Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 13:29-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Wasifunqula umprofeti isidumbu somfo wakwaThixo, wasibeka e-esileni, wabuya naso. Weza ekhaya umprofeti lowo useleyindoda enkulu, ukuba ammbambazelele, amngcwabe.

30. Wasibeka isidumbu engcwabeni lakhe, bammbambazelela besithi, Yoo! Mzalwana wam!

31. Kwathi, emveni kokumngcwaba kwabo, wathetha koonyana bakhe, esithi, Ndákufa, ndingcwabeleni engcwabeni angcwatyelwe kulò umfo wakwaThixo; walaliseni ngasemathanjeni akhe amathambo am.

32. Ngokuba, inene, liya kwenzeka ilizwi, alinkqangazileyo ngelizwi likaYehova esibingelelweni esiseBheteli, nasezindlwini zonke zasezigangeni, ezisemizini yakwaSamari.

33. Emva koko uYarobheham akabuyanga endleleni yakhe embi; wabuya wenza ababingeleli bezigánga eluntwini lonke; wathi athe wamthanda, wammisela, waba ngowababingeleli bezigánga.

34. Yathi loo nto yaba sisono sendlu kaYarobheham, ukuba itshone itshabalale, ingabikho phezu komhlaba.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 13