Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 13:2-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Wankqangaza esibingelelweni ngokwelizwi likaYehova, wathi, Sibingelelo, sibingelelo! Utsho uYehova ukuthi, Uyabona, kuya kuzalwa unyana kwindlu kaDavide, ogama linguYosiya; oya kubabingelela phezu kwakho lo ababingeleli bezigánga, abaqhumisela phezu kwakho, kutshiswe amathambo abantu phezu kwakho.

3. Kwangaloo mini wabaxelela isimanga esiya kuhla, esithi, Siso esi isimanga asithethileyo uYehova: Yabona, isibingelelo esi siya kukrazuka, luphalale uthuthu oluphezu kwaso.

4. Kwathi, akuliva ukumkani ilizwi lomfo wakwaThixo, owankqangazayo esibingelelweni eBheteli, wasolula uYarobheham isandla sakhe esesibingelelweni, wathi, Mbambeni. Sesuka soma isandla sakhe abesolulele kuye, akaba nako ukusibuyisela kwakuye.

5. Sakrazuka isibingelelo, lwaphalala uthuthu esibingelelweni, ngokwesimanga abesixelile umfo wakwaThixo ngelizwi likaYehova.

6. Waphendula ukumkani, wathi kumfo wakwaThixo, Khawumbongoze uYehova uThixo wakho, undithandazele, sibuyiselwe kum isandla sam. Umfo wakwaThixo wambongoza ke uYehova, sabuyiselwa kuye isandla sokumkani, saba njengokwangaphambili.

7. Wathetha ke ukumkani kumfo wakwaThixo, wathi, Hamba siye ekhaya, uzixhase, ndikunike isipho.

8. Wathi umfo wakwaThixo kukumkani, Ùngafanelana uthe wandinika isiqingatha sendlu yakho, andingekhe ndiye nawe, andingekhe ndidle sonka, andingekhe ndisele manzi kule ndawo.

9. Ngokuba kwenjiwa nje ukumiselwa kwam lilizwi likaYehova, kwathiwa, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi, ungabuyi ngendlela obuzé ngayo.

10. Waza wahamba ngandlela yimbi, akabuya ngendlela abeze ngayo eBheteli.

11. Ke kaloku kwakuhleli eBheteli umprofeti othile, obeseleyindoda enkulu; weza unyana wakhe, wamcacisela konke awakwenzayo umfo wakwaThixo loo mini eBheteli; namazwi awawathethayo kukumkani, wawacacisa kuyise.

12. Wathi uyise kubo, Úhambé ngayiphi na indlela? Babeyibonile ke indlela oonyana bakhe, ahambe ngayo umfo wakwaThixo, owayevele kwaYuda.

13. Wathi koonyana bakhe, Ndibopheleni iesile. Bambophela ke iesile, wakhwela kulo.

14. Walandela umfo wakwaThixo, wamfumana ehleli phantsi komterebhinti,* wathi kuye, Ùnguye na umfo wakwaThixo lo ubevela kwaYuda? Wathi yena, Ndinguye.

15. Wathi kuye, Hamba siye ekhaya, udle isonka.

16. Wathi yena, Andinakubuya nawe; andinakungena nawe; andiyi kudla sonka, andiyi kusela manzi nawe kule ndawo;

17. kuba kuthiwe kum lilizwi likaYehova, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi khona, ungabuyi uhambe ngendlela obuze ngayo.

18. Wathi kuye, Ndingumprofeti nam njengawe; kuthethe isithunywa sezulu kum ngelizwi likaYehova, sisithi, Mbuyise, eze nawe endlwini yakho, adle isonka, asele amanzi.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 13