Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 13:17-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. kuba kuthiwe kum lilizwi likaYehova, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi khona, ungabuyi uhambe ngendlela obuze ngayo.

18. Wathi kuye, Ndingumprofeti nam njengawe; kuthethe isithunywa sezulu kum ngelizwi likaYehova, sisithi, Mbuyise, eze nawe endlwini yakho, adle isonka, asele amanzi.

19. Watsho emxokisa. Wabuya ke naye, wadla isonka endlwini yakhe, wasela amanzi.

20. Kwathi, behleli etafileni apho, kwafika ilizwi likaYehova kuloo mprofeti ubembuyisile;

21. wankqangaza kuloo mfo wakwaThixo ubevele kwaYuda, esithi, Útsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uwuphikisile umlomo kaYehova, akwawugcina umthetho abekuwisele uYehova uThixo wakho,

22. wesuka wabuya, wadla isonka, wasela amanzi kule ndawo awathetha ngayo kuwe, esithi, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi: isidumbu sakho asiyi kungena engcwabeni looyihlo.

23. Kwathi emveni kokudla kwakhe isonka, emveni kokusela kwakhe, wambophela iesile umprofeti lowo abembuyisile.

24. Wahamba, wafunyanwa yingonyama endleleni, yambulala; sathi isidumbu sakhe saqungquluza endleleni; lema ecaleni laso iesile, nengonyama yema ecaleni lesidumbu eso.

25. Kwabonakala kudlula amadoda; asibona isidumbu eso siqungquluzile endleleni, imi ingonyama leyo ecaleni lesidumbu; afika axela kuloo mzi, abehleli kuwo umprofeti obeseleyindoda enkulu.

26. Weva umprofeti obembuyise endleleni, wathi, Ngulaa mfo wakwaThixo uwuphikisileyo umlomo kaYehova. UYehova umnikele engonyameni; yamqoba, yambulala ngokwelizwi likaYehova, abelithethe kuye.

27. Wathetha koonyana bakhe, esithi, Ndibopheleni iesile. Balibopha.

28. Wahamba ke, wasifumana isidumbu sakhe siqungquluzile endleleni, limi iesile nengonyama ecaleni lesidumbu, ingonyama ingasidlanga isidumbu, ingaliqobanga ne-esile.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 13