Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 12:23-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Yitsho kuRehabheham unyana kaSolomon, ukumkani wakwaYuda, nakwindlu yonke yakwaYuda, nakuBhenjamin, nakubantu abaseleyo, ukuthi,

24. Utsho uYehova ukuthi, Ize ninganyuki; ize ningalwi nabazalwana benu oonyana bakaSirayeli. Buyani, aye elowo endlwini yakhe; ngokuba iphuma kum le nto. Baliphulaphula ilizwi likaYehova, babuya, bahamba ngokwelizwi likaYehova.

25. Ke uYarobheham wawakha umzi wakwaShekem kweleentaba lakwaEfrayim, wahlala khona; waphuma apho wákha iPenuweli.

26. Wathi uYarobheham entliziyweni yakhe, Kaloku ubukumkani buya kubuyela endlwini kaDavide.

27. Ukuba bathe benyuka aba bantu, baya kubingelela endlwini kaYehova eYerusalem, yobuya intliziyo yaba bantu iye enkosini yabo, kuRehabheham, ukumkani wakwaYuda; bandibulale mna, babuyele kuRehabheham ukumkani wakwaYuda.

28. Waceba ke ukumkani, wenza amathole egolide amabini; wathi kubo, Niyaxhamleka kukunyuka niye eYerusalem. Nanku uThixo wakho, Sirayeli, owakukhuphayo ezweni laseYiputa!

29. Walimisa ke elinye eBhetele, walimisa elinye kwaDan.

30. Yathi loo nto yaba sisono; bahamba abantu baya phambi kwelo likwaDan.

31. Wenza indlu yasezigangeni, wenza ababingeleli eluntwini lonke, ababengengabo abakoonyana bakaLevi.

32. UYarobheham wenza umthendeleko ngenyanga yesibhozo, ngoweshumi elinesihlanu umhla kuloo nyanga, onjengomthendeleko wakwaYuda; wenyusa amadini esibingelelweni. Wenjenjalo eBheteli, ebingelela kumathole lawo abewenzile; wamisa eBheteli ababingeleli bezigánga awazenzáyo.

33. Wenyusa amadini esibingelelweni awasenzayo eBheteli, ngoweshumi elinesihlanu umhla wenyanga yesibhozo, ngenyanga leyo abeyicamangile kweyakhe intliziyo; wabenzela umthendeleko oonyana bakaSirayeli, wenyusa amadini esibingelelweni, ukuba kuqhunyiselwe.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 12