Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 11:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Waza uSolomon wamakhela isigánga uKemoshe,* izothe lamaMowabhi, entabeni ekhangelene neYerusalem, noMoleki, izothe loonyana baka-Amon.

8. Wabenjela njalo bonke abafazi bakhe bezinye iintlanga, ababeqhumisela bebingelela koothixo babo.

9. UYehova ke waba nomsindo kuSolomon, ngokuba ibityekile intliziyo yakhe, yemka kuYehova uThixo kaSirayeli, owayebonakele kuye izihlandlo ezibini;

10. emwisele umthetho ngaloo nto, ukuba angalandeli thixo bambi; àkawugcina umthetho abemwisele wona uYehova.

11. Wathi ke uYehova kuSolomon, Ngenxa enokuba unaloo nto, akwawugcina umnqophiso wam, nemimiselo yam endikumiseleyo, okwenene, ndiya kubukrazula ubukumkani kuwe, ndibunike umkhonzi wakho.

12. Kodwa ke andiyi kukwenza oko ngemihla yakho, ngenxa kaDavide uyihlo; ndiya kubukrazula esandleni sonyana wakho.

13. Kodwa andiyi kubukrazula bonke ubukumkani; ndomnika isizwe esinye unyana wakho, ngenxa kaDavide umkhonzi wam, nangenxa yeYerusalem endiyinyulileyo.

14. Ke uYehova wamvelisela uSolomon utshaba olunguHadade umEdom; yena ubengowembewu yokumkani kwaEdom.

15. Kwakuthe, oko uDavide ebekwaEdom, ekunyukeni kukaYowabhi umthethelimkhosi eye kungcwaba abahlatyiweyo, waxabela yonke into engamadoda kwaEdom

16. (ngokuba wahlala iinyanga zantandathu khona uYowabhi namaSirayeli onke, wada wayinqumla yonke into engamadoda kwaEdom);

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 11