Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 11:34-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Andiyi kubuthabatha bonke ubukumkani esandleni sakhe; ndomenza abe sisikhulu yonke imihla yobomi bakhe, ngenxa kaDavide umkhonzi wam endamnyulayo, owayigcinayo imithetho yam nemimiselo yam.

35. Ndobuthabatha ubukumkani esandleni sonyana wakhe, ndinike wena izizwe ezilishumi ke;

36. unyana wakhe ndimnike isizwe esinye, ukuze kubekho isibane kuDavide, umkhonzi wam, yonke imihla phambi kwam eYerusalem, umzi endiwunyulileyo ukuba ndibeke khona igama lam.

37. Ndokuthabatha, ube ngukumkani kuko konke othe wakunqwenela umphefumlo wakho, ube ngukumkani kumaSirayeli.

38. Kothi, ukuba uthe wakuphulaphula konke endikuwisela umthetho ngako, wahamba ngeendlela zam, wenza okuthe tye emehlweni am, ukuba ugcine imimiselo yam nemithetho yam, njengoko wenza ngako uDavide umkhonzi wam: ndibe nawe, ndikwakhele indlu esimakade, njengoko ndamakhelayo uDavide, ndikunike amaSirayeli;

39. ndiyibandezele imbewu kaDavide ngenxa yoku; kodwa kungàde kube ngonaphakade.

40. USolomon wafuna ukumbulala uYarobheham; wesuka uYarobheham wabalekela eYiputa kuShishaki, ukumkani weYiputa. Waba seYiputa wada wafa uSolomon.

41. Ezinye izinto zikaSolomon, nako konke awakwenzayo, nobulumko bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi kaSolomon?

42. Ke imihla abengukumkani ngayo uSolomon eYerusalem kumaSirayeli onke, yaba yiminyaka emashumi mané.

43. USolomon walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide uyise; uRehabheham, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 11