Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 11:15-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Kwakuthe, oko uDavide ebekwaEdom, ekunyukeni kukaYowabhi umthethelimkhosi eye kungcwaba abahlatyiweyo, waxabela yonke into engamadoda kwaEdom

16. (ngokuba wahlala iinyanga zantandathu khona uYowabhi namaSirayeli onke, wada wayinqumla yonke into engamadoda kwaEdom);

17. wabaleka uHadade, yena namaEdom akubakhonzi boyise kunye naye, baya eYiputa; ke uHadade waye eyinkwenkwana oko.

18. Besuka kwaMidiyan, beza eParan; bathabatha amadoda eParan, ahamba nabo; beza eYiputa kuFaro, ukumkani waseYiputa. Yena ke wamnika indlu, wathi makazuze ukudla, wamnika ilizwe.

19. UHadade wababalwa kakhulu nguFaro; wamnika umfazi, umsakwabo bomkakhe, umsakwabo boTapenes inkosikazi.

20. Ke umsakwabo boTapenes wamzalela uGenubhati, unyana wakhe; uTapenes wamlumlela endlwini kaFaro, uGenubhati waba ngowendlu kaFaro phakathi koonyana bakaFaro.

21. UHadade eseYiputa, weva ukuba uDavide ulele kooyise, ufile noYowabhi umthetheli-mkhosi; wathi uHadade kuFaro, Ndíndulule ndiye ezweni lakowethu.

22. Wathi uFaro kuye, Ùswele ntoni na kum, le nto ufuna ukuya ezweni lakowenu? Wathi, yena, Nento le; noko ke ndíndulule.

23. UThixo wamvelisela omnye umchasi onguRezon, unyana kaEliyada, owabalekayo kuHadadezere, ukumkani waseTsobha, inkosi yakhe.

24. Wabuthela kuye amadoda, waba ngumthetheli wempi, ekubabulaleni kukaDavide abo. Baya ke eDamasko, bahlala khona, baba nobukumkani eDamasko.

25. Waba lutshaba lwamaSirayeli yonke imihla kaSolomon; ke ngobu bubi wabenzáyo uHadade, wakruquka ngamaSirayeli; waye engukumkani kwa-Aram.*

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 11