Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 11:11-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wathi ke uYehova kuSolomon, Ngenxa enokuba unaloo nto, akwawugcina umnqophiso wam, nemimiselo yam endikumiseleyo, okwenene, ndiya kubukrazula ubukumkani kuwe, ndibunike umkhonzi wakho.

12. Kodwa ke andiyi kukwenza oko ngemihla yakho, ngenxa kaDavide uyihlo; ndiya kubukrazula esandleni sonyana wakho.

13. Kodwa andiyi kubukrazula bonke ubukumkani; ndomnika isizwe esinye unyana wakho, ngenxa kaDavide umkhonzi wam, nangenxa yeYerusalem endiyinyulileyo.

14. Ke uYehova wamvelisela uSolomon utshaba olunguHadade umEdom; yena ubengowembewu yokumkani kwaEdom.

15. Kwakuthe, oko uDavide ebekwaEdom, ekunyukeni kukaYowabhi umthethelimkhosi eye kungcwaba abahlatyiweyo, waxabela yonke into engamadoda kwaEdom

16. (ngokuba wahlala iinyanga zantandathu khona uYowabhi namaSirayeli onke, wada wayinqumla yonke into engamadoda kwaEdom);

17. wabaleka uHadade, yena namaEdom akubakhonzi boyise kunye naye, baya eYiputa; ke uHadade waye eyinkwenkwana oko.

18. Besuka kwaMidiyan, beza eParan; bathabatha amadoda eParan, ahamba nabo; beza eYiputa kuFaro, ukumkani waseYiputa. Yena ke wamnika indlu, wathi makazuze ukudla, wamnika ilizwe.

19. UHadade wababalwa kakhulu nguFaro; wamnika umfazi, umsakwabo bomkakhe, umsakwabo boTapenes inkosikazi.

20. Ke umsakwabo boTapenes wamzalela uGenubhati, unyana wakhe; uTapenes wamlumlela endlwini kaFaro, uGenubhati waba ngowendlu kaFaro phakathi koonyana bakaFaro.

21. UHadade eseYiputa, weva ukuba uDavide ulele kooyise, ufile noYowabhi umthetheli-mkhosi; wathi uHadade kuFaro, Ndíndulule ndiye ezweni lakowethu.

22. Wathi uFaro kuye, Ùswele ntoni na kum, le nto ufuna ukuya ezweni lakowenu? Wathi, yena, Nento le; noko ke ndíndulule.

23. UThixo wamvelisela omnye umchasi onguRezon, unyana kaEliyada, owabalekayo kuHadadezere, ukumkani waseTsobha, inkosi yakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 11