47. Kananjalo bafikile abakhonzi bokumkani, beza kubonga inkosi yethu, ukumkani uDavide, bathi, UThixo wakho makalilungise igama likaSolomon ngaphezu kwegama lakho, ayikhulise itrone yakhe ngaphezu kwetrone yakho; waqubuda ukumkani esililini.
48. Kananjalo wenjenje ukumkani ukuthetha, wathi, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, ondinikileyo namhla owokuhlala etroneni yam, esabona nje amehlo am.
49. Bothuka ke bonke abamenywa baka-Adoniya, besuka, bahamba elowo indlela yakhe.
50. Woyika uAdoniya ebusweni bukaSolomon, wesuka, waya wabambelela ezimpondweni zesibingelelo.
51. Waxelelwa uSolomon, kwathiwa, Nanko uAdoniya esoyika ukumkani uSolomon; nanko ebambelele ezimpondweni zesibingelelo, esithi, Makandifungele namhlanje ukumkani uSolomon, athi, akayi kumbulala ngekrele umkhonzi wakhe.
52. Wathi ke uSolomon, Ukuba úthe wangumfo onesidima, akusayi kuwa lunwele lwakhe emhlabeni; ke ukuba kuthe kwafunyanwa ububi kuye, úya kufa.
53. Wathumela ukumkani uSolomon, bamhlisa esibingelelweni; waya waqubuda kukumkani uSolomon. Wathi uSolomon kuye, Hamba ugoduke.