Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 1:43-53 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

43. Waphendula uYonatan, wathi kuAdoniya, Hayi, inkosi yethu ukumkani uDavide imenze ukumkani uSolomon.

44. Ukumkani umkhuphe noTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada, nabancinithi, nezigidimi, bamkhwelisa kundlebende wokumkani;

45. ooTsadoki umbingeleli noNatan umprofeti bamthambisa ukuba abe ngukumkani eGihon. Benyuka, besuka apho bevuya, sazamazama ke isixeko. Siso ke eso esi sandi nisivayo.

46. Kananjalo uSolomon uselehleli etroneni yobukumkani.

47. Kananjalo bafikile abakhonzi bokumkani, beza kubonga inkosi yethu, ukumkani uDavide, bathi, UThixo wakho makalilungise igama likaSolomon ngaphezu kwegama lakho, ayikhulise itrone yakhe ngaphezu kwetrone yakho; waqubuda ukumkani esililini.

48. Kananjalo wenjenje ukumkani ukuthetha, wathi, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, ondinikileyo namhla owokuhlala etroneni yam, esabona nje amehlo am.

49. Bothuka ke bonke abamenywa baka-Adoniya, besuka, bahamba elowo indlela yakhe.

50. Woyika uAdoniya ebusweni bukaSolomon, wesuka, waya wabambelela ezimpondweni zesibingelelo.

51. Waxelelwa uSolomon, kwathiwa, Nanko uAdoniya esoyika ukumkani uSolomon; nanko ebambelele ezimpondweni zesibingelelo, esithi, Makandifungele namhlanje ukumkani uSolomon, athi, akayi kumbulala ngekrele umkhonzi wakhe.

52. Wathi ke uSolomon, Ukuba úthe wangumfo onesidima, akusayi kuwa lunwele lwakhe emhlabeni; ke ukuba kuthe kwafunyanwa ububi kuye, úya kufa.

53. Wathumela ukumkani uSolomon, bamhlisa esibingelelweni; waya waqubuda kukumkani uSolomon. Wathi uSolomon kuye, Hamba ugoduke.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 1