Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 1:35-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Nize ninyuke, nimlandele; eze ahlale etroneni yam; abe ngukumkani yena esikhundleni sam. Ndimmisile ukuba abe yingànga kumaSirayeli nakumaYuda.

36. Waphendula uBhenaya unyana kaYehoyada, wathi kukumkani, Amen; makatsho uYehova uThixo wenkosi yam ukumkani.

37. Njengokuba uYehova wayenenkosi yam ukumkani, ngokunjalo uya kuba noSolomon, ayikhulise itrone yakhe ngaphezu kwetrone yenkosi yam ukumkani uDavide.

38. Wehla ke uTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada, nabancinithi, nezigidimi; bamkhwelisa uSolomon kundlebende wokumkani uDavide, baya naye eGihon.

39. UTsadoki umbingeleli wathabatha isigodlo seoli ententeni, wamthambisa uSolomon, wavuthela izigodlo, bathi bonke abantu, Makadle ubomi ukumkani uSolomon!

40. Benyuka bonke abantu, bamlandela, abantu bebetha ugwali, bevuya ngemivuyo emikhulu; wathi ndí umhlaba ngesandi sabo.

41. Beva ooAdoniya nabamenywa bakhe bonke, bakukhova ukudla. Wasiva uYowabhi isandi sesigodlo, wathi, Sesaní na esi sandi sizamazamisa isixeko?

42. Uthe esathetha, nanko kufika uYonatan unyana ka-Abhiyatare umbingeleli. Wathi uAdoniya, Ngena, ngokuba ùngumfo onesidima, uza neendaba ezilungileyo.

43. Waphendula uYonatan, wathi kuAdoniya, Hayi, inkosi yethu ukumkani uDavide imenze ukumkani uSolomon.

44. Ukumkani umkhuphe noTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada, nabancinithi, nezigidimi, bamkhwelisa kundlebende wokumkani;

45. ooTsadoki umbingeleli noNatan umprofeti bamthambisa ukuba abe ngukumkani eGihon. Benyuka, besuka apho bevuya, sazamazama ke isixeko. Siso ke eso esi sandi nisivayo.

46. Kananjalo uSolomon uselehleli etroneni yobukumkani.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 1