Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 1:27-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Ingába ivela kwinkosi yam ukumkani na le nto, waza àkwabazísa abakhonzi bakho oya kuhlala etroneni yenkosi yam ukumkani emveni kwayo?

28. Waphendula ukumkani uDavide, wathi, Bizani uBhatshebha eze kum. Weza ke phambi kokumkani, wema phambi kokumkani.

29. Wafunga ukumkani, wathi, Ehleli nje uYehova, owawukhululayo umphefumlo wam ekubandezelekeni konke;

30. inene, njengoko ndakufungela uYehova uThixo kaSirayeli, ndisithi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam esikhundleni sam: inene, ndiya kwenjenjalo namhla.

31. Wathoba ke uBhatshebha ngobuso emhlabeni, waqubuda kukumkani, wathi, Mayidle ubomi inkosi yam, ukumkani uDavide, ngonaphakade.

32. Wathi ukumkani uDavide, Babizeni beze kum apha uTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada. Beza ke phambi kokumkani.

33. Wathi ukumkani kubo, Thabathani abakhonzi benkosi yenu, bahambe nani, nikhwelise uSolomon unyana wam kowam undlebende, nihle naye niye eGihon;

34. bámthambisele khona ooTsadoki umbingeleli noNatan umprofeti, abe ngukumkani kumaSirayeli; nivuthele izigodlo, nithi, Makadle ubomi ukumkani uSolomon.

35. Nize ninyuke, nimlandele; eze ahlale etroneni yam; abe ngukumkani yena esikhundleni sam. Ndimmisile ukuba abe yingànga kumaSirayeli nakumaYuda.

36. Waphendula uBhenaya unyana kaYehoyada, wathi kukumkani, Amen; makatsho uYehova uThixo wenkosi yam ukumkani.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 1