Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 1:16-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wathoba uBhatshebha, waqubuda kukumkani. Wathi ukumkani, Ùnga ntoni na?

17. Wathi yena kuye, Nkosi yam, wena wamfungela uYehova uThixo wakho umkhonzazana wakho, wathi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam.

18. Kaloku nanku inguAdoniya ukumkani; kanti àkwazi wena, nkosi yam kumkani.

19. Úbingeléle iinkomo nezinto ezityetyisiweyo, nempahla emfutshane yaninzi, wamema bonke oonyana bokumkani, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi umthetheli-mkhosi; àkammema ke yena uSolomon umkhonzi wakho.

20. Wena, nkosi yam kumkani, amehlo amaSirayeli onke akuwe, ukuba uwaxelele, ukuba kuhlale bani na etroneni yenkosi yam ukumkani emveni kwayo.

21. Kothi, xa ithe yalala kooyise inkosi yam ukumkani, sibe ngaboni, thina noSolomon unyana wam.

22. Uthe esathetha nokumkani, nanko kufika uNatan umprofeti.

23. Waxelelwa ukumkani, kwathiwa, Nanku uNatan umprofeti. Wafika ke phambi kokumkani, waqubuda kukumkani ngobuso emhlabeni;

24. wathi uNatan, Nkosi yam kumkani, ùtshilo na wena ukuthi, UAdoniya uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam?

25. Ngokuba úhlile namhlanje, wabingelela iinkomo nezinto ezityetyisiweyo, nempahla emfutshane yaninzi, wamema bonke oonyana bokumkani, nabathetheli-mkhosi, noAbhiyatare umbingeleli; nabo ke besidla besela phambi kwakhe, besithi, Makadle ubomi ukumkani uAdoniya.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 1