Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 9:29-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Kubo bekukho abamiselwe phezu kwempahla, naphezu kwempahla yonke engcwele, naphezu komgubo ocoliweyo, newayini, neoli, nentlaka emhlophe, nobulawu.

30. Koonyana bababingeleli bekukho abacola ubuqholo bobulawu.

31. UMatitiya, omnye wakubaLevi, obengowamazibulo kaShalum umKora, ubephethe enyanisekile umsebenzi wokosa ngeepani.

32. Koonyana bakaKehati, kubazalwana babo, bekukho ababephethe izonka ezikroziswayo, ukuzilungisa iisabata ngeesabata.

33. Zizo ezo iimvumi, iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ezibe zihleli emagumbini zikhululekile; ngokuba beziphethe umsebenzi imini nobusuku.

34. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ziziintloko ngokweenzala zazo, ezo zahlala eYerusalem.

35. EGibheyon kwakuhleli ozala amaGibheyon, uYehiyeli; igama lomkakhe belinguMahaka.

36. Unyana wakhe wamazibulo nguAbhedon, yanguTsure, noKishe, noBhahali, noNere, noNadabhi,

37. noGedore, noAhiyo, noZekariya, noMikeloti.

38. UMikeloti wazala uShimeham. Kwanabo bahlala nabazalwana babo eYerusalem, malunga nabazalwana babo.

39. UNere wazala uKishe; uKishe wazala uSawule; uSawule wazala uYonatan, noMalekishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhahali.

40. Unyana kaYonatan nguMeribhi-bhahali; uMeribhi-bhahali wazala uMika.

41. Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi.

42. UAhazi wazala uYara; uYara wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri; uZimri wazala uMotsa.

43. UMotsa wazala uBhineha, noRefaya unyana wakhe, uElehasa unyana wakhe, uAtsele unyana wakhe.

44. UAtsele ubenoonyana abathandathu; ngawo la amagama abo: nguAzerikam, noBhokeru, noIshmayeli, noShehariya, no-Obhadiya, noHanan. Ngabo abo oonyana baka-Atsele.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 9