Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 9:20-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. UPinehasi, unyana kaElazare, waye eyingànga yabo ngenxa engaphambili; uYehova wayenaye.

21. UZekariya unyana kaMeshelemiya wayengowesango ekungeneni kwentente yokuhlangana.

22. Bonke bephela, behleliwe ukuba babe ngabagcini bamasango, babengamakhulu amabini, anashumi-nye linababini. Bona babebhalwe emilibeni yabo yokuzalwa emizaneni yabo. Bona bamiswa nguDavide noSamuweli imboni, ngokunyaniseka kwabo.

23. Bona abo noonyana babo babesemasangweni endlu kaYehova, endlu yentente, ngokokugcina.

24. Babekho abamasango ngamacala omané, ngasempumalanga, ngasentshonalanga, ngasentla, nangasezantsi.

25. Abazalwana babo emizaneni yabo babengabokuza ngomhla wesixhenxe amaxesha ngamaxesha kunye nabo.

26. Ngokuba abaLevi abo, abaphathi abakhulu abané ababengabamasango, babephethe amagumbi nobuncwane bendlu kaThixo benyanisile.

27. Ukulala, babeyijikeleza indlu kaThixo; ngokuba ukugcina bekukokwabo, kunabo ukuyivula imiso ngemiso.

28. Kubo bekukho abaphethe iimpahla zenkonzo; ngokuba babezingenisa ngenani, bazikhuphe ngenani.

29. Kubo bekukho abamiselwe phezu kwempahla, naphezu kwempahla yonke engcwele, naphezu komgubo ocoliweyo, newayini, neoli, nentlaka emhlophe, nobulawu.

30. Koonyana bababingeleli bekukho abacola ubuqholo bobulawu.

31. UMatitiya, omnye wakubaLevi, obengowamazibulo kaShalum umKora, ubephethe enyanisekile umsebenzi wokosa ngeepani.

32. Koonyana bakaKehati, kubazalwana babo, bekukho ababephethe izonka ezikroziswayo, ukuzilungisa iisabata ngeesabata.

33. Zizo ezo iimvumi, iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ezibe zihleli emagumbini zikhululekile; ngokuba beziphethe umsebenzi imini nobusuku.

34. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ziziintloko ngokweenzala zazo, ezo zahlala eYerusalem.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 9