Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 9:12-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. noAdaya, unyana kaYeroham, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya; noMahasayi unyana ka-Adiyeli, unyana kaYazera, unyana kaMeshulam, unyana kaMeshilemiti, unyana kaImere;

13. nabazalwana babo, iintloko zezindlu zooyise, iwaka elinamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu amagorha anobukroti ekuwusebenzeni umsebenzi wendlu kaThixo.

14. KubaLevi: nguShemaya, unyana kaHashubhi, unyana ka-Azerikam, unyana kaHashabhiya koonyana bakaMerari;

15. nguBhakebhakare, noHereshe, noGalali; noMataniya unyana kaMika, unyana kaZikri, unyana ka-Asafu;

16. no-Obhadiya, unyana kaShemaya, unyana kaGalali, unyana kaYedutun; noBherekiya unyana ka-Asa, unyana kaElikana, obehleli emizaneni yamaNetofa.

17. Abamasango: nguShalum, noAkubhi, noTalemon, noAhiman, nabazalwana babo; intloko inguShalum;

18. kude kwaba namhla esesangweni lokumkani empumalanga. Ngabo abo abamasango eminqubeni yoonyana bakaLevi.

19. UShalum, unyana kaKore, unyana kaEbhiyasafu, unyana kaKora, nabazalwana bakhe ngokwendlu yooyise, amaKora, ayephethe umsebenzi wenkonzo, engabagcini beminyango yentente. Nooyise bawo babephethe iminquba kaYehova, begcina isango.

20. UPinehasi, unyana kaElazare, waye eyingànga yabo ngenxa engaphambili; uYehova wayenaye.

21. UZekariya unyana kaMeshelemiya wayengowesango ekungeneni kwentente yokuhlangana.

22. Bonke bephela, behleliwe ukuba babe ngabagcini bamasango, babengamakhulu amabini, anashumi-nye linababini. Bona babebhalwe emilibeni yabo yokuzalwa emizaneni yabo. Bona bamiswa nguDavide noSamuweli imboni, ngokunyaniseka kwabo.

23. Bona abo noonyana babo babesemasangweni endlu kaYehova, endlu yentente, ngokokugcina.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 9