Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 8:31-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. noGedore, noAhiyo, noZekere.

32. UMikeloti wazala uShimeha. Nabo bahlala eYerusalem nabazalwana babo, malungana nabazalwana babo.

33. UNere wazala uKishe; uKishe wazala uSawule; uSawule wazala uYonatan, noMalekishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhahali.

34. Unyana kaYonatan nguMeribhi-bhahali; uMeribhi-bhahali wazala uMika.

35. Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi.

36. UAhazi wazala uYehowada; uYehowada wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri;

37. uZimri wazala uMotsa; uMotsa wazala uBhineha. NguRafa unyana wakhe, nguElehasa unyana wakhe, nguAtsele unyana wakhe.

38. UAtsele ebenoonyana abathandathu; ngawo la amagama abo; nguAzerikam, nguBhokeru, noIshmayeli, noShehariya, no-Obhadiya, noHanan. Bonke abo babengoonyana baka-Atsele.

39. Oonyana bakaEsheki, umzalwana wakhe, ngu-Ulam amazibulo akhe, nguYehushe owesibini, nguElifelete owesithathu.

40. Oonyana bakaUlam babengamadoda angamagorha anobukroti, abagoba isaphetha; babenoonyana abaninza, noonyana boonyana, ikhulu elinamanci mahlanu. Bonke abo babengaboonyana bakaBhenjamin.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 8