Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 8:27-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. noYareshiya, noEliya, noZikri babengoonyana bakaYeroham.

28. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise ngokweenzala zazo; ziintloko ke ezo; ezo zahlala eYerusalem.

29. EGibheyon kwahlala ozala amaGibheyon, uYehiyeli; igama lomkakhe belinguMahaka.

30. NguAbhedon unyana wakhe wamazibulo, noTsure, noKishe, noBhahali, noNadabhi,

31. noGedore, noAhiyo, noZekere.

32. UMikeloti wazala uShimeha. Nabo bahlala eYerusalem nabazalwana babo, malungana nabazalwana babo.

33. UNere wazala uKishe; uKishe wazala uSawule; uSawule wazala uYonatan, noMalekishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhahali.

34. Unyana kaYonatan nguMeribhi-bhahali; uMeribhi-bhahali wazala uMika.

35. Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi.

36. UAhazi wazala uYehowada; uYehowada wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri;

37. uZimri wazala uMotsa; uMotsa wazala uBhineha. NguRafa unyana wakhe, nguElehasa unyana wakhe, nguAtsele unyana wakhe.

38. UAtsele ebenoonyana abathandathu; ngawo la amagama abo; nguAzerikam, nguBhokeru, noIshmayeli, noShehariya, no-Obhadiya, noHanan. Bonke abo babengoonyana baka-Atsele.

39. Oonyana bakaEsheki, umzalwana wakhe, ngu-Ulam amazibulo akhe, nguYehushe owesibini, nguElifelete owesithathu.

40. Oonyana bakaUlam babengamadoda angamagorha anobukroti, abagoba isaphetha; babenoonyana abaninza, noonyana boonyana, ikhulu elinamanci mahlanu. Bonke abo babengaboonyana bakaBhenjamin.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 8