Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 7:7-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Oonyana bakaBhela nguEtsebhon, noUzi, noUziyeli, noYerimoti, noIri; baye bebahlanu, iintloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti; ngokubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa babengamashumi amabini anamabini amawaka, anamanci mathathu anesiné.

8. Oonyana bakaBhekere nguZemira, noYowashe, noEliyezere, noEliyohenayi, no-Omri, noYeremoti, noAbhiya, noAnatoti, noAlamete; bonke abo ngoonyana bakaBhekere;

9. ngokubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa ngokweenzala zabo zeentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, babengamashumi amabini amawaka, anamakhulu amabini.

10. Oonyana bakaYedihayeli nguBhilehan. Oonyana bakaBhilehan nguYehushe, noBhenjamin, noEhudi, noKenahana, noZetan, noTarshishe, noAhishahare.

11. Bonke abo babengoonyana bakaYedihayeli, ngokweentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, alishumi elinesixhenxe lamawaka, anamakhulu mabini, aphuma umkhosi aye kulwa.

12. OoShupim noHupim ngoonyana bakaIre; ooHushim ngoonyana baka-Ahere.

13. Oonyana bakaNafetali nguYatsiyeli, noGuni, noYetsere, noShalum, oonyana bakaBhiliha.

14. Oonyana bakaManase nguAsheriyeli, awamzalelwayo. Ishweshwe lakhe, umAramikazi, lazala uMakire, uyise kaGiliyadi.

15. UMakire wazeka udade booHupim noShupim; igama lodade wabo belinguMahaka; igama lowesibini belinguTselofehadi; ke uTselofehadi ubeneentombi.

16. UMahaka umkaMakire wazala unyana, wathi igama lakhe nguPereshe; igama lomninawa wakhe belinguShereshe; oonyana bakhe ngu-Ulam noRekem.

17. Oonyana bakaUlam nguBhedan. Ngabo abo oonyana bakaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase.

18. Udade wabo, uHamolekete, wazala uIshodi, noAbhihezere, noMahala.

19. Oonyana bakaShemida babengooAhiyan, noShekem, noLiki, noAniyam.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 7