Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 7:27-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. uNun unyana wakhe, uYoshuwa unyana wakhe.

28. Ke kaloku ilifa labo, namakhaya abo, yiBheteli namagxamesi ayo; ngasempumalanga yiNaharan; ngasentshonalanga yiGezere namagxamesi ayo, nowakwaShekem namagxamesi awo, kwesa eGaza namagxamesi ayo.

29. Esezandleni zoonyana bakaManase yiBhete-shehan namagxamesi ayo, yiTahanaki namagxamesi ayo, yiMegido namagxamesi ayo, yiDore namagxamesi ayo. Kulapho kwakumi oonyana bakaYosefu, unyana kaSirayeli.

30. Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshevi, noBheriya, noSera udade wabo.

31. Oonyana bakaBheriya nguHebhere, noMalekiyeli, onguyise kaBhirzaviti.

32. UHebhere wazala uYafelete, noShomere, noHotam, noShuwa udade wabo.

33. Oonyana bakaYafelete nguPasaki, noBhimhali, noAshevati.

34. Ngabo abo oonyana bakaYafelete. Oonyana bakaShemere nguAhi, noRoga, noYehubha, noAram.

35. Oonyana bakaHelem umzalwana wakhe nguTsofa, noImna, noSheleshe, noAmali.

36. Oonyana bakaTsofa nguSuwa, noHarenefere, noShuwali, noBheri,

37. noImra, nguBhetsere noHodi, noShama, noShilesha, noItran, noBhehera.

38. Oonyana bakaYetere nguYefune, noPisepa, noAra.

39. Oonyana bakaUla nguAra, noHaniyeli, noRitsiya.

40. Bonke abo babengoonyana baka-Ashere: iintloko zezindlu zooyise, amagorha ahleliweyo anobukroti, iintloko zezikhulu. Ukubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa kwasemkhosini, ukuba balwe, babengamadoda angamashumi omabini anamathandathu amawaka, inani lawo.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 7