Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 7:24-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Intombi yakhe ibinguShera; yayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, neUzen-shera.

25. URefa ebengunyana wakhe, noReshefe; uTela ngunyana wakhe, noTahan unyana wakhe,

26. uLadan unyana wakhe, uAmihudi unyana wakhe, uElishama unyana wakhe,

27. uNun unyana wakhe, uYoshuwa unyana wakhe.

28. Ke kaloku ilifa labo, namakhaya abo, yiBheteli namagxamesi ayo; ngasempumalanga yiNaharan; ngasentshonalanga yiGezere namagxamesi ayo, nowakwaShekem namagxamesi awo, kwesa eGaza namagxamesi ayo.

29. Esezandleni zoonyana bakaManase yiBhete-shehan namagxamesi ayo, yiTahanaki namagxamesi ayo, yiMegido namagxamesi ayo, yiDore namagxamesi ayo. Kulapho kwakumi oonyana bakaYosefu, unyana kaSirayeli.

30. Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshevi, noBheriya, noSera udade wabo.

31. Oonyana bakaBheriya nguHebhere, noMalekiyeli, onguyise kaBhirzaviti.

32. UHebhere wazala uYafelete, noShomere, noHotam, noShuwa udade wabo.

33. Oonyana bakaYafelete nguPasaki, noBhimhali, noAshevati.

34. Ngabo abo oonyana bakaYafelete. Oonyana bakaShemere nguAhi, noRoga, noYehubha, noAram.

35. Oonyana bakaHelem umzalwana wakhe nguTsofa, noImna, noSheleshe, noAmali.

36. Oonyana bakaTsofa nguSuwa, noHarenefere, noShuwali, noBheri,

37. noImra, nguBhetsere noHodi, noShama, noShilesha, noItran, noBhehera.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 7