Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 7:20-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Oonyana bakaEfrayim nguShutela, noBherede unyana wakhe,

21. noTahati, unyana wakhe, noEliyada unyana wakhe, noTahati unyana wakhe, noZabhadi unyana wakhe, noShutela unyana wakhe, noEzere, noEladi; abababulalayo abantu bakwaGati, ababezalelwe kwelo zwe; ngokuba babehle beza kuthabatha imihlambi yabo.

22. Wenza isijwili uEfrayim, uyise, imihla emininzi, beza kumkhuza abazalwana bakhe.

23. Wamngena umfazi wakhe; wakhawula, wazala unyana, wathi igama lakhe nguBheriya;* ngokuba bekuhlé ububi endlwini yakhe.

24. Intombi yakhe ibinguShera; yayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, neUzen-shera.

25. URefa ebengunyana wakhe, noReshefe; uTela ngunyana wakhe, noTahan unyana wakhe,

26. uLadan unyana wakhe, uAmihudi unyana wakhe, uElishama unyana wakhe,

27. uNun unyana wakhe, uYoshuwa unyana wakhe.

28. Ke kaloku ilifa labo, namakhaya abo, yiBheteli namagxamesi ayo; ngasempumalanga yiNaharan; ngasentshonalanga yiGezere namagxamesi ayo, nowakwaShekem namagxamesi awo, kwesa eGaza namagxamesi ayo.

29. Esezandleni zoonyana bakaManase yiBhete-shehan namagxamesi ayo, yiTahanaki namagxamesi ayo, yiMegido namagxamesi ayo, yiDore namagxamesi ayo. Kulapho kwakumi oonyana bakaYosefu, unyana kaSirayeli.

30. Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshevi, noBheriya, noSera udade wabo.

31. Oonyana bakaBheriya nguHebhere, noMalekiyeli, onguyise kaBhirzaviti.

32. UHebhere wazala uYafelete, noShomere, noHotam, noShuwa udade wabo.

33. Oonyana bakaYafelete nguPasaki, noBhimhali, noAshevati.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 7