Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 7:2-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Oonyana bakaTola ngu-Uzi, noRefaya, noYeriyeli, noYamayi, noIbhesam, noSamuweli, iintloko zezindlu zooyise zikaTola; amagorha anobukroti, ngokweenzala zawo. Inani lawo ngemihla kaDavide laba ngamashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu amathandathu.

3. Oonyana bakaUzi nguIzerahiya. Noonyana bakaIzerahiya nguMikayeli, no-Obhadiya, noYoweli, noIshiya; babebahlanu, beziintloko bonke.

4. Ndawonye nabo ngokweenzala zabo, ngokwezindlu zooyise, kwakukho izimpi zomkhosi wokulwa, amashumi amathathu anamathandathu amawaka; ngokuba babenabafazi noonyana abaninzi.

5. Abazalwana babo, ngokwemizalwane yonke yakwaIsakare, amagorha anobukroti, baye bengamashumi asibhozo anesixhenxe amawaka, ukubhalwa kwabo emilibeni yabo yokuzalwa bebonke.

6. Oonyana bakaBhenjamin nguBhela, noBhekere, noYedihayeli; bebebathathu.

7. Oonyana bakaBhela nguEtsebhon, noUzi, noUziyeli, noYerimoti, noIri; baye bebahlanu, iintloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti; ngokubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa babengamashumi amabini anamabini amawaka, anamanci mathathu anesiné.

8. Oonyana bakaBhekere nguZemira, noYowashe, noEliyezere, noEliyohenayi, no-Omri, noYeremoti, noAbhiya, noAnatoti, noAlamete; bonke abo ngoonyana bakaBhekere;

9. ngokubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa ngokweenzala zabo zeentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, babengamashumi amabini amawaka, anamakhulu amabini.

10. Oonyana bakaYedihayeli nguBhilehan. Oonyana bakaBhilehan nguYehushe, noBhenjamin, noEhudi, noKenahana, noZetan, noTarshishe, noAhishahare.

11. Bonke abo babengoonyana bakaYedihayeli, ngokweentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, alishumi elinesixhenxe lamawaka, anamakhulu mabini, aphuma umkhosi aye kulwa.

12. OoShupim noHupim ngoonyana bakaIre; ooHushim ngoonyana baka-Ahere.

13. Oonyana bakaNafetali nguYatsiyeli, noGuni, noYetsere, noShalum, oonyana bakaBhiliha.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 7