Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 7:14-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Oonyana bakaManase nguAsheriyeli, awamzalelwayo. Ishweshwe lakhe, umAramikazi, lazala uMakire, uyise kaGiliyadi.

15. UMakire wazeka udade booHupim noShupim; igama lodade wabo belinguMahaka; igama lowesibini belinguTselofehadi; ke uTselofehadi ubeneentombi.

16. UMahaka umkaMakire wazala unyana, wathi igama lakhe nguPereshe; igama lomninawa wakhe belinguShereshe; oonyana bakhe ngu-Ulam noRekem.

17. Oonyana bakaUlam nguBhedan. Ngabo abo oonyana bakaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase.

18. Udade wabo, uHamolekete, wazala uIshodi, noAbhihezere, noMahala.

19. Oonyana bakaShemida babengooAhiyan, noShekem, noLiki, noAniyam.

20. Oonyana bakaEfrayim nguShutela, noBherede unyana wakhe,

21. noTahati, unyana wakhe, noEliyada unyana wakhe, noTahati unyana wakhe, noZabhadi unyana wakhe, noShutela unyana wakhe, noEzere, noEladi; abababulalayo abantu bakwaGati, ababezalelwe kwelo zwe; ngokuba babehle beza kuthabatha imihlambi yabo.

22. Wenza isijwili uEfrayim, uyise, imihla emininzi, beza kumkhuza abazalwana bakhe.

23. Wamngena umfazi wakhe; wakhawula, wazala unyana, wathi igama lakhe nguBheriya;* ngokuba bekuhlé ububi endlwini yakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 7