Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 6:62-68 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

62. Oonyana bakaGershom ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaIsakare, nasesizweni sakwa-Ashere, nasesizweni sakwaNafetali, nasesizweni sakwaManase eBhashan, imizi yalishumi elinamithathu.

63. Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaRubhen, nasesizweni sakwaGadi, nasesizweni sakwaZebhulon, ngeqashiso imizi elishumi elinamibini.

64. Oonyana bakaSirayeli babanika abaLevi imizi namadlelo ayo.

65. Babanika ngeqashiso esizweni soonyana bakaYuda, nasesizweni soonyana bakaSimon, nasesizweni soonyana bakaBhenjamin, yona le mizi ibiziweyo ngamagama ayo.

66. Ke emizalwaneni yoonyana bakaKehati kwabakho imizi yemida yabo esizweni sakwaEfrayim.

67. Babanika imizi yokusabela: owakwaShekem namadlelo awo ezintabeni zakwaEfrayim, neGezere namadlelo ayo,

68. neYokemeham namadlelo ayo, neBhete-horon namadlelo ayo;

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 6