Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 6:56-64 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

56. ke wona amasimi omzi lowo nemizana yawo bawanika uKalebhi, unyana kaYefune.

57. Babanika oonyana baka-Aron imizi yokusabela: owaseHebron, neLibhena namadlelo ayo, neYatire, ne-Eshtemowa namadlelo ayo,

58. neHilen namadlelo ayo, neDebhire namadlelo ayo,

59. neAshan namadlelo ayo, neBhete-shemeshe namadlelo ayo.

60. Esizweni sakwaBhenjamin: iGebha namadlelo ayo, neAlemete namadlelo ayo, neAnatoti namadlelo ayo. Yonke imizi yabo ngokwemizalwane yabo yabe iyimizi elishumi elinamithathu.

61. Oonyana bakaKehati abaseleyo banikwa emzalwaneni wesizwe sakwaEfrayim, nasesizweni sakwaDan, nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase, ngeqashiso imizi elishumi.

62. Oonyana bakaGershom ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaIsakare, nasesizweni sakwa-Ashere, nasesizweni sakwaNafetali, nasesizweni sakwaManase eBhashan, imizi yalishumi elinamithathu.

63. Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaRubhen, nasesizweni sakwaGadi, nasesizweni sakwaZebhulon, ngeqashiso imizi elishumi elinamibini.

64. Oonyana bakaSirayeli babanika abaLevi imizi namadlelo ayo.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 6